Ezekiel 20:43 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakona niya kukumbula indlela zenu, nazo zonke izenzo zenu, eninco̔lisiwe ngazo; naniya kuzidela ngokwenu ngenxa yazo zonke izikohlakalo zenu enizenzileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Niya kuzikhumbula khona iindlela zenu neentlondi zenu zonke, enazenza iinqambi ngazo; nizikruqukele ngokwenu ngenxa yazo zonke izinto ezimbi enizenzileyo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Niya kuzikhumbula ke ezo iindlela zenu nangezenzo zenu zonke, enizenze iinqambi ngazo; ube neentloni emehlweni akho ngenxa yobubi bonke obenzileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Apho ke niya kuyikhumbula indlela ebeniziphethe ngayo, nezenzo zenu ezinigqwalisileyo, nize nizizonde ngobugwenxa benu.