Ezekiel 20:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa bavukela ngakum, bengavumanga ukundipulapula; abazilahla abanye ngabanye izinto ezizondekileyo zamehlo abo, nezitixwana zase‐Jipete abazishiya. Ndandula ndati: Ndiya kutulula ubuṙalaṙume bam pezu kwabo, nengqumbo yam ndoyigqiba kubo pakati kwelizwe le‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Basuka baba neenkani kum, abavuma ukundiphulaphula, abazilahla elowo izinto ezinezothe zamehlo akhe, abazishiya izigodo zaseYiputa. Ndathi ke, ndiya kuthulula ubushushu bam phezu kwabo, ndiwuphelelisele kubo umsindo wam phakathi kwelizwe laseYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa bandijikele, abazange bandiphulaphule; àbazilahla izinto ezinezothe emehlweni abo, ababashiya oothixo baseYiputa; umsindo wam kubo ezweni laseYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Bandivukela, bala ukundiphulaphula, abayilahla imifanekiso enezothe ababezimisele kuyo, abazilahla izithixo zaseJiputa. Ndatsho ke ukuthi ndiya kuyikhuphela kubo ingqumbo yam; baya kuwuva umsindo wam eJiputa.