Ezekiel 21:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kala ulile, nyana woluntu! ngokuba lona liya kuba pezu kwabantu bam, loba pezu kwazo zonke inkosana zakwa‐Sirayeli; zilahlelwe eṙeleni kunye nabantu bam; ngako oko tywakaza etangeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khala ubhomboloze, nyana womntu; ngokuba lithene mbende nabantu bam, lithene mbende nezikhulu zonke zakwaSirayeli;zizisulu zekrele kunye nabantu bam; ngako oko tywakraza ethangeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lila ulile, nyana womntu; ngokuba liya kuba phezu kwabantu bam, libe phezu kwezikhulu zonke zakwaSirayeli; kobakho ukuhlatywa komkhonto phezu kwabantu bam; wandule ubethe esinqeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khala wenze isijwili, mntundini, kuba liza kudla kubantu bam, liza kudla ezinkosini zakwaSirayeli. Ziza kuba sisisulu sekrele zona nabantu bam. Hlunguzelisa intloko wena;