Ezekiel 21:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuze icubuke intliziyo, nokuba kwandiswe iziwiso, ndimisile ukuvivinywa kweṙele ngakuwo onke amasango abo: au! lenziwe ukuti benge, lir̔oliwe ukubulala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuze intliziyo ithe amandla, zande izikhubekiso, ndiwamisele amasango abo onke ikrele elijikajikayo. Awu!Lenzelwe ukuba libe njengombane, lithiwe rhuthu ukuba libulale.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiwamisele ikrele emasangweni abo onke, ukuze intliziyo yabo ibe buthathaka, nezifuba zabo zibe ngamanxuwa. Ah! ikhazimlisiwe, isongelwe ukuba ihlanjwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ziya kugubha iintliziyo nabafayo baya kuba yinyambalala, kuba ikrele lentshabalalo liya kuba kumasango onke. Awu! Liya kumenyezela okombane, kuba lithiwe qhiwu ukuze ligwaze.