Ezekiel 21:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngenxa yokuba niyenze inkohlakalo yenu ikunjulwe, ngokutyilwa kwezigqito zenu, ukubonakalisa izono zenu kuzo zonke izenzo zenu; ngenxa yokukunjulwa kwenu, niya kubanjwa ngesandla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokukhumbuza kwenu ubugwenxa benu, ekutyhilekeni kwezikreqo zenu, ukuze zibonakale izono zenu ezintlondini zenu zonke; ngenxa yokukhunjulwa kwenu, niya kuxhakamfulwa ngesandla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba nikukhumbule okungendawo kwenu, ekutyhilekeni kwezikreqo zenu, ukuze zibonakale izono zenu emisebenzini yenu yonke; ngokuba, ndathi, uya kuza esikhumbuzweni, uya kubanjwa ngesandla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ke ngoko uthi *uNdikhoyo iNgangalala: Ngenxa yokuba, bantundini, ityala lenu nilibonakalise nazicacisa ukuba ningabavukeli, nazityhila nezono zenu ngazo zonke izenzo zenu, ngoko ke niya kuthinjwa.