Ezekiel 21:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nawe, nyana woluntu! profitesha uti: Itsho inkosi e nguyehova, ngalo usapo luka‐Hamoni, nangaso isigxeko salo, utsho ke wena, ukuti: Iṙele, iṙele lir̔oliwe; ligudiselwe isibulalo, ligqibe, ukuze libengezele;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wena ke, nyana womntu, profeta uthi, Itsho iNkosi uYehova ngokusingisele koonyana baka-Amon, ngokusingisele kungcikivo lwabo, ukuthi, Ikrele, ikrele lirholelwe ukuba libulale;likhazimlisiwe ukuba lidle, ukuba libe njengombane.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wena ke, nyana womntu, profeta, uthi, ‘Itsho iNkosi enguMongami uYehova ngokusingisele koonyana baka-Amoni, ngokuphathelele indelo yabo; nani nithi, Umkhonto urholelwe umkhonto; ngokuba igazi liqhekeziwe ukuba lisila ngenxa yokukhanya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Wena ke, mntundini, shumayela uthi: INgangalala uNdikhoyo ibhekisa kuma-Amon nezingcikivo zawo, ithi: “Ikrele, ikrele lokubulala, liyabengezela, lifuna emntwini, limenyezela okombane.