Ezekiel 21:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nxa bakubonela okungendawo, nxa bakulaulela ulwimi, ukuba bakubeke pezu kwentamo zabakohlakeleyo abahlatyiweyo, abamini ifikile, ngexesha lenkohlakalo yesipelo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bekubonela inkohlakalo nje, bekuhlabela amanga nje, liya kukubeka ke ezintanyeni zabangendawo ababuleweyo, abamini iya kufika ngexesha lobugwenxa bokuphela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bakubona unyanye, bethetha ubuxoki, ukuze bakuse ezintanyeni zabatyhoboziweyo, abangendawo iphelileyo imini yabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nakuloo mibono ingeyonyani, mibono leyo ingawe, xa kuvunyiswa ngawe, wozitsheca iintamo zabakhohlakeleyo abafanele ukubulawa; kuba imini yabo ifikile, ixesha lokohlwaywa kwabo ligalelekile.