Ezekiel 21:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokokuba ndiya kunqamla kuwe olungileyo nokohlakeleyo, ngako oko iṙele lam liya kupuma esinxobeni salo ngakulo lwonke uluntu kwa sesuyide kude kube senode:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa ke enokuba ndiya kunqumla kuwe ilungisa nongendawo, ngako oko liya kuphuma ikrele lam esingxotyeni salo, liye enyameni yonke, lithabathele ezantsi lise entla;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukususela ngelo xesha ndiya kumtshabalalisa kuwe olilungisa nongendawo, ngoko ke ikrele lam liya kuphuma esingxotyeni salo ukuze lilwe nayo yonke inyama ukususela emzantsi kuse emntla;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Njengoko ndiza kubulala olilungisa nokhohlakeleyo ikrele lam liza kugwaza bonke abantu ukusuka emzantsi kuye emntla.