Ezekiel 21:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti, nxa bati kuwe: Uyagulela nina? wandule uti: Ngenxa yendaba; ngokuba isiza; zaziya kunyibilika zonke intliziyo, zipolelwe zonke izandla, icubuke yonke imipefumlo, ahambe njeng amanzi onke amadolo: bona ke, iyeza, yaiya kwenzwa, itsho inkosi e nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kothi, xa bathe kuwe, Uncwinelani na? uthi, Kungenxa yeendaba, ngokuba zisiza; kuya kunyibilika zonke iintliziyo, ziwe zonke izandla, incame yonke imimoya, amadolo onke angabi namandla. Yabona, ziyeza, ziya kubakho; itsho iNkosi uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa bathe kuwe, Uyancwina na? ukuze niphendule, nithi, Ngenxa yelizwi elo; ngokuba iya kuza, zinyibilike zonke iintliziyo; yabona, iyeza, iya kubakho; itsho iNkosi uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bakuthi bakubuza: ‘Yincwina yani na le uyenzayo?’ wophendula ngelithi: ‘Ndenziwa ludaba oluzayo. Luya kuzenza iintliziyo zibe nedyudyu, aphele amandla ezandleni; iya kudakumba imiphefumlo, agevezele amadolo.’ Luyeza! Luyeza, itsho iNkosi uNdikhoyo.”