Ezekiel 22:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Amabaso bawatabatile kuwe, ukuze bapalaze igazi; inzuzo enkulu nokwanda okukulu ukutabatile, nommelwane wako umpangile ngobandezelo; nam undilibele, itsho inkosi e nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bamkela izicengo bekuwe, ukuze baphalaze igazi; wena udle abantu ngemali, wathabatha inzala yemboleko: uyamdla ummelwane wakho ngokucudisa; undilibele; itsho iNkosi uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathabathe izipho kuwe ukuze baphalaze igazi; uthabathe inzala yemboleko-mali, ubathabatha abantu bakho ngokudelela; ke mna undilahlile; itsho iNkosi uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Apho kuwe kukho amadoda athengwayo ukuba abulale; kukho abadlela abanye ngokubabiza ingeniselo egqithileyo abamelwane ababolekise ngemali kubo. Mna undilibele, itsho iNkosi uNdikhoyo.