Ezekiel 22:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Intliziyo yako iya kunyamezela na, izandla zako ziya kwomelela na, emihleni endiya kwenza nawe ngayo? mna Yehova nditetile, ndiya kwenza kanjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Intliziyo yakho iya kuma na? Izandla zakho ziya kuthi nkqi na, ngemihla endiya kukuphatha ngayo? Mna Yehova ndithethile, ndiya kwenza ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Intliziyo yakho iya kuma na? Izandla zakho ziya kuthi nkqi na, ngemihla endiya kukuphatha ngayo? Mna Yehova ndithethile, yaye ndiya kwenza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaba uya kuba naso na isibindi kwanamandla mhla sahlangana? Nditshilo nje mna Ndikhoyo nditshilo, ndiya kuyenza loo nto.