Ezekiel 22:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Njengokuba isilivere, nobedu, nesincete, nelode, netine, zibutelwe pakati kwesidlangalala, ukuba kuvutelwe umlilo pezu kwazo, zinyibilike; kwa njalo ndiya kubuta ngengqumbo yam nangobuṙalaṙume bam, ndiyeke, ndinyibilikise nina:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Njengokuhlanganiselwa kwesilivere nobhedu nesinyithi nelothe nebhekile phakathi eziko, ukuba umlilo uzifuthe, ukuze zinyibilike: ndiya kwenjenjalo ukunibutha ngomsindo wam, nangobushushu bam, ndinifake, ndininyibilikise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekuhlanganiseni kwabo isilivere, nobhedu, nesinyithi, nelothe, nebhekile, phakathi eziko, ukuba kuqhunyiswe umlilo kuyo, inyibilikiswe; ke ngoko ndiya kunibutha ndinomsindo, ndinomsindo, ndinishiye khona, ndininyibilikise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiya kuxelisa amadoda xa ebutha isiliva, nobhedu, nesinyithi, nelothe, nenkcenkce, aze aziphose kwiziko lokunyibilikisa, awuvuthele umlilo. Nam emsindweni wam nakwingqumbo yam ndiya kuniphosa esixekweni, ndininyibilikise.