Ezekiel 22:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Inkosana zalo pakati kwalo zinjengencu̔ka ziqwenga okubanjiweyo, ukupalaza igazi, ukububisa imipefumlo, ukuze bazuze inzuzo ekohlakeleyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abathetheli balo esazulwini salo banjengeengcuka eziqwenga ixhoba, ukuba baphalaze igazi, batshabalalise imiphefumlo, ukuze bazuze inzuzo embi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Iinkosana zayo phakathi kwayo zinjengeengcuka eziqwenga ixhoba layo, ukuze ziphalaze igazi zize zitshabalalise imiphefumlo ukuze zizuze ubutyebi bobuxoki.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amagosa alo mhlaba anjengeengcuka eziqwenga amaxhoba: aphalaza igazi, abulale abantu, asekeleze inzuzo yobutshijolo.