Ezekiel 22:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wauya kuti: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Isixeko siyapalaza igazi pakati kwaso, ukuba lifike ixesha laso; sizenzele izitixwana, ukuba sinco̔lelwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uze uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Mzindini, uphalaza igazi esazulwini sawo, ukuze lifike ixesha lawo, wenze izigodo kuwo ukuze ube yinqambi!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uze uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Lo mzi uphalaza igazi khona, ukuze lifike ixesha lawo, wenze umfanekiso oqingqiweyo ukuba uwenze inqambi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
uthi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Yeha, sixekondini esizibizela intshabalalo ngegazi eliphalazwa phakathi kuso nesizigqwalisa *ngezithixo eziqingqiweyo,