Ezekiel 22:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndafuna pakati kwabo indoda eya kulwaka udonga, ime esiṙotyeni pambi kwam ngenxa yelizwe, ukuba ndingalitshabalalisi; kodwa andifumananga nanye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndafuna kubo indoda engaba luthango phakathi, ime ethutyeni phambi kwam, ikhusele ilizwe elo, ukuze ndingalitshabalalisi; ke andiyifumani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndakhangela kubo indoda eyayinokwakha uthango ize ime ethubeni phambi kwam ikhusele ilizwe, ukuze ndingalitshabalalisi; kodwa andizange ndifumane nto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ndafuna phakathi kwabo indoda yokwakha udonga, ize ime esikrobeni phambi kwam, imele ilizwe, ukuze mna ndingalitshabalalisi; kodwa andiyifumani.