Ezekiel 23:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aba batyila ubuzé bake; batabata onyana bake nentombi zake, naye yena bambulala ngeṙele; waza waba ligama pakati kwabafazi, nxa babeyenzile imigwebo pezu kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bona babutyhila ubuze bakhe, bathabatha oonyana bakhe neentombi zakhe, bambulala ngekrele; waba ngundaba-mlonyeni kubafazi, bamgweba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bamhluba ubuntombi bakhe, bathabatha oonyana bakhe neentombi zakhe, bambulala ngekrele; ngokuba babemgweba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zamhluba, zabathatha oonyana neentombi, zaza yena zamtyakatya ngekrele. Waba ngundaba-mlonyeni kwabanye abafazi, waza wohlwaywa.