Ezekiel 23:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Babeya kuza ngakuwe ngenqwelwana, na ngenqwelo, nangengqengqeleko, nangomhlambi wezizwe; ikaka, nekakana, nomnqwazi, bozimisa ngakuwe ngento engqongayo; ndiya kubeka ubugwebo ebusweni babo, babeya kukugweba ngemigwebo yabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya kukufikela benezikhali, neenqwelo zokulwa, neevili, benesikhungu sezizwe; babhekise kuwe iingweletshetshe namakhaka nezigcina-ntloko ngeenxa zonke. Ndolunikela kubo ugwebo, ukuba bakugwebe ngokwamasiko abo,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baya kukufikela ngeenqwelo zokulwa, neenqwelo zokulwa, neevili, kwaye ngengxokolo yabantu bakubeke iingweletshetshe, ingweletshetshe, nengweletshetshe, nengxokolo; ndiwumise phambi kwabo umyalelo, banigwebe ngezigwebo zabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baza kukuhlasela ngezixhobo, ngeenqwelo zomkhosi, nezinye iinqwelo, kwakunye nesihlwele sabantu; uya kurhawulwa macalana onke ngabantu abaphethe amakhaka neengweletshetshe, benxibe iminqwazi yesinyithi. Ndiya kukunikezela kubo ukuze bakohlwaye ngokwesiko labo.