Ezekiel 23:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kupelisa ubutshinitshini bako kuwe, nombulo wako uvela elizweni lama‐Jipete; ude ungapakamisi amehlo ako ngakuwo, ne‐Jipete ungabuyi uyikumbule.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndowaphelisa amanyala akho nokuhenyuza kwakho kwasezweni laseYiputa, ungabi sawaphakamisela amehlo akho kuwo, ungabi salikhumbula elaseYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiza kuliphelisa ihlazo lakho nohenyuzo lwakho owalikhupha ezweni laseYiputa, ukuze ungawaphakamiseli amehlo akho kuzo, ungabi sayicinga iYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiya kuphelisa ubufebe nobuhenyukazi owabuqala eJiputa. Uza kuyeka ukuzilangazelela ezo nto, uyilibale neJiputa.