Ezekiel 23:35 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngokokuba ulibele mna, nokuba undilahlile emva kwomhlana wako, ngako nawe twala ubutshinitshini bako nemibulo yako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba undilibele, wandiphosa emva komhlana wakho, uya kuwathwala nokuwathwala amanyala akho nokuhenyuza kwakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekubeni undilibele, wandiphosa emva komhlana wakho, uya kulithwala ihlazo lakho nobuhenyu bakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngoko ke itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Kuba usuke wandilibala, wandifulathela, uza kusithwala isono sokufeba nobuhenyukazi bakho.”