Ezekiel 23:37 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba beṙexezile, kuko igazi ezandleni zabo, baṙexezile nezitixwana zabo, nabantwana babo, abo bandizalela bona, babadlulisele kuzo emlilweni babe kukudla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba bakrexezile, izandla zabo zinegazi; bakrexezene nezigodo zabo; kananjalo oonyana babo, ababazalela mna, babacandisele kuzo, ukuba batshiswe ngumlilo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
bakrexezile, izandla zabo zinegazi; bakrexeza nezigodo zabo; oonyana babo, ababazalela mna kum, babatshisa ngomlilo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kuba bakrexezile, baza baphalaza igazi. Bakrexezile nezithixo zabo; bade benza amadini ngabantwana babo ababendizalele bona, batyisa izithixo.