Ezekiel 23:39 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba xeshekweni bebebabulalele izitixwana zabo abantwana babo bandula bangena endaweni yam engcwele kwa ngalomini ukuyidyoba; ewe, bona ke, benje njalo pakati kwendlu yam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
bakuzisikela izigodo zabo oonyana babo, bangena ke engcweleni yam kwangayo loo mini, ukuze bayihlambele; yabona benjenjalo endlwini yam phakathi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yokuba bazixhela izithixo zabo ezinezothe ababenqulwa ngoonyana babo, bangena kwangaloo mini engcweleni yam ukuze bayenze inqambi; kwaye yabona, besenza njalo endlwini yam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanye ngalo mhla benza idini ngabantwana babo kwizithixo zabo, bangena esibingelelweni sam, basigqwalisa. Nantso ke into abayenzileyo endlwini yam.