Ezekiel 23:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Namagama abo, ngu‐Ahola omkulu, no‐Aholiba udade wake; baba ngabam, bazala onyana nentombi: namagama abo, i‐Samariya ngu‐Ahola, ne‐Yerusaleme ngu‐Aholiba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Amagama abo ke nguNtente-yakhe omkhulu kubo, noNtente-yam-kuye umsakwabo; baba ngabam, bazala oonyana neentombi. Amagama abo nguSamari uNtente-yakhe, yiYerusalem uNtente-yam-kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Amagama abo ke nguNtente-yakhe omkhulu kubo, noNtente-yam-kuye umsakwabo; baba ngabam, bazala oonyana neentombi. Amagama abo yayinga; ElakwaSamari nguOhola, iYerusalem nguNtente-yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Igama lalo mkhulu lalinguOhola, udade wabo omncinane inguOholibha. Yayingabam, baza bandizalela oonyana neentombi. UOhola yiSamariya, uOholibha yiJerusalem.