Ezekiel 23:45 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa amadoda alungileyo wona aya kubagweba ngokugwetywa kwabaṙexezikazi, nangokugwetywa kwabo abapalaza igazi; ngokuba bengabaṙexezikazi bona, negazi lisezandleni zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke amadoda angamalungisa, wona ke aya kubagweba ngokwesiko labakrexezikazi, nangokwesiko labaphalazi begazi; ngokuba bengabakrexezikazi, zinegazi izandla zabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke amadoda angamalungisa aya kubagweba ngokwesiko lamahenyukazi, nangokwesiko labafazi abaphalaza igazi labo; ngokuba bebakrexeza, banegazi ezandleni zabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa wona amadoda angamalungisa aya kubohlwaya ngesohlwayo sabafazi abakrexezayo nabaphalaza igazi, kuba bengabakrexezi abazandla zibomvu ligazi.”