Ezekiel 23:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nemibulo yake ivela kuma‐Jipete akayishiya; ngokuba ebutsheni bake ebelele naye, acofa imibele yobuntombi bake, agalela umbulo wawo pezu kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akakuyeka nokuhenyuza kwakhe kwaseYiputa; ngokuba ebuncinaneni bakhe babelala naye, baziphathe iingono zamabele zobuntombi bakhe bona; bathululele ubufebe babo phezu kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akabuyanga kubuhenyu bakhe, awaphuma nabo eYiputa; kuba babelala naye ebutsheni bakhe, yaye bawaphula amabele obunyulu bakhe, yaye bathululela ubuhenyu babo phezu kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akabuyekanga ubuhenyukazi awayebuqale eJiputa ebutsheni bakhe, apho abafana babelala naye, bamphatha-phathe amabele, bemnyumbazela ukufeba.