Ezekiel 24:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nyana woluntu! bona ke, ndiya kususa kuwe inkanuko yamehlo ako ngesibeto; kodwa akuyi kusenza isijwili, akuyi kulila nokulila, kanjako inyembezi zako aziyi kupuma.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nyana womntu, yabona, ndithabatha kuwe intanda yamehlo akho ngesibetho; uze ungambambazeli, ungalili; makungaphumi zinyembezi kuwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nyana womntu, yabona, ndiwususa umnqweno wamehlo akho ngesibetho; kodwa ze ningambambazeli, nilile;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Mntundini, ngesithonga nje esinye ndiza kukuhlutha lowo umthanda kunene. Maze ungakhali, okanye wenze isililo, okanye ube nyembezana.