Ezekiel 24:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nawe, nyana woluntu! akuyi kuba njalo na, emhleni ndisusayo kubo inqaba yabo, uvuyo lwobungcwalisa babo, inkanuko yamehlo abo, nesilangazelelo semipefumlo yabo, onyana babo nentombi zabo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wena ke, nyana womntu, inyaniso, mini ndithabatha kubo inqaba yabo, imihlali yesihombo sabo, intanda yamehlo abo, into abaphakamisela kuyo umphefumlo wabo, oonyana babo neentombi zabo:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wena ke, nyana womntu, akuyi kuba naliphi na ixesha endiya kuwasusa ngalo amandla abo, imihlali yozuko lwabo, nento enqwenelekayo yamehlo abo, nento abayithembileyo ngoonyana neentombi zabo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ke wena, mntundini, mhla ndayisusa inqaba yabo, uchulumanco nozuko lwabo, uvuyo lwamehlo abo, eyona nto ithe ngco ezintliziyweni zabo, kwanoonyana neentombi zabo,