Ezekiel 24:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngalomhla, umlomo wako uya kuvulelwa lowo usindileyo, wauya kuteta, ungabi sesisidenge: wauya kuba ngumqondiso kubo; babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngayo loo mini uya kuvuleka umlomo wakho, kunye nosindileyo lowo; uthethe, ungabi saba sisidenge; ube sisimanga kubo; bazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaloo mini uya kuvuleka umlomo wakho, kulowo ukhululweyo, uthethe, ungabi saba sisidenge; Yena uya kuba ngumqondiso kubo; zazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umlomo wakho uya kuvuleka ngoko nangoko; uya kuthetha naye kuba ungenakuthula. Ke ngoko uya kuba ngumqondiso kubo, baze baqonde ukuba ndinguNdikhoyo.”