Ezekiel 24:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Kwoba nzima kuso isixeko esinegazi, kuyo imbiza umhlwa wayo ukuyo, nomhlwa wayo ungapumanga kuyo! ngeziqendu zayo ezinye ngezinye yiku̔pe; makungawi pezu kwayo isiqashiso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha, mzindini unamagazi! Mbizandini inomhlwa, emhlwa ungasukiyo! Yirhole inyama ngeenyama zayo; aliphumi nayo iqashiso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko wathi uYehova, Yeha, umzi wamagazi, imbiza enamathumba, ekungaphumiyo ilindle kuyo! yikhuphe iinyama zayo; musa ukuvumela kakhulu ukuba kuwele kuyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Yeha sixeko sabagwinti, esiyintshela namhla embizeni; akuyi kubhungca nesuntswana! Iya kuphakwa ngezidungulwana, kungenziwanga maqashiso ngazo.