Ezekiel 25:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuwo amadoda asempumalanga, ngapezu kwelizwe losapo luka‐Hamoni, sendiya kulinika libe yimfuyo; ukuze usapo luka‐Hamoni lungabi sa kunjulwa pakati kwentlanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndolivulela oonyana basempumalanga, kunye neloonyana baka-Amon, ndibanike limiwe, ukuze bangabi sakhunjulwa ezintlangeni oonyana baka-Amon;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiza kubanika abantu baseMpuma kunye noonyana baka-Amoni, yaye ndiza kubanika ubutyebi, ukuze oonyana baka-Amoni bangabalwa phakathi kweentlanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
IMowabhi kwakunye nama-Amon ndiza kuyinikezela ibe lilifa lezizwe zasempuma, khon' ukuze ama-Amon angaze akhunjulwe ezimbalini zezizwe.