Ezekiel 25:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngenxa yokwenza kwama‐Filistiya ngempindezelo; nokuba ezenzele impindezelo ngokucekisa kwompefumlo, ukutshabalalisa ngobutshaba bakudala;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokwenza kwamaFilisti ngempindezelo, ephindezela ngempindezelo, ecekisa emphefumlweni, esonakalisa, enobutshaba obungunaphakade:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Itsho iNkosi uYehova ukuthi; ngokuba amaFilisti ebephindezela impindezelo, ephindezela ngenkohlakalo yentliziyo, ukuba atshabalalise ngenxa yentiyo yakudala;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Itsho iNkosi *uNdikhoyo ukuthi: “AmaFilistiya aziphindezele ngenzondo, kuba iintliziyo zawo zithe minxi yinkohlakalo ezalwa bubutshaba obudala, bezimisele ukumtshabalalisa uJuda.