Ezekiel 25:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngako oko, bona ke, ndiya kukunikela esandleni samadoda asempumalanga ube yimfuyo: ukuze ahlalise ilali zawo kuwe, enze kuwe nentlalo zawo: wona aya kudla isiqa̔mo sako, kanjalo wona aya kusela amasi ako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngako oko, yabona, ndikunikela koonyana basempumalanga, ukuba bamele kuwe, bamise iingqili zabo kuwe, benze neendawo zokuhlala kwabo kuwe. Bona baya kudla iziqhamo zakho, basele amasi akho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, ndikunika abantu basempumalanga, ukuba babe lilifa labo, baqinise iingxande zabo ezinde kuwe, bazakhele kuwe; baya kudla iziqhamo zakho, basele amasi akho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ke mna ndiza kuninikezela kwisizwe sasempuma, nize nibe sezandleni zaso. Baya kumisa iikampu zabo, beme phakathi kwenu; baya kuzitya iziqhamo zenu, bawatye amasi eenkomo zenu.