Ezekiel 25:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngako oko, bona ke, ndiya kwolula isandla sam pezu kwako, ndikunike ube lixoba ezintlangeni; ndandiya kukunqamla ezizweni, ndikububise kwa semazweni: ndokutshabalalisa; wauya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngako oko, yabona, ndisolula phezu kwakho isandla sam, ndikunikele ezintlangeni, ukuba ube lixhoba, ndikunqumle ezizweni, ndikwenze udake, ungabikho emazweni. Ndiya kukutshabalalisa; wazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, ngenxa yoko ndisolula phezu kwakho isandla sam, ndikunikela ezintlangeni, ukuba ube lixhoba; Ndiya kuninqumla ezintlangeni, ndinitshabalalise kwezinye izizwe; ndiya kukutshabalalisa; nazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenxa yoko ndiza kusolula isandla sam, ndinenze nibe lixhoba leentlanga. Ndiya kuninqamla kwezinye izizwe, ubuzwe benu bufadalale. Ndiya kunibhubhisa nitsho nazi ukuba uNdikhoyo ndim.”