Ezekiel 26:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenxa yengxokolo yamahashe ake utuli lwawo lwokugubungela; ngenxa yentlokoma yabakweli bamahashe, nengqengqeleko, nenqwelwana, ziya kungcangcazela indonga zako, akuba eya kungena emasangweni ako, njengokuba kungenwa esixekweni esigqojozelweyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yoninzi lwamahashe akhe, uthuli lwawo luya kukugubungela; iindonga zakho ziya kunyikima ngenxa yesandi sabakhweli, neseevili, neseenqwelo zokulwa, ekungeneni kwakhe ngamasango akho, njengabangena emzini oqhekezwayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yobuninzi bamahashe akhe, uthuli lwawo luya kukugubungela; Iindonga zakho ziya kunyikima ngesandi sabakhweli-mahashe, nesevili, neseenqwelo zokulwa, ekungeneni kwabo emasangweni akho, njengokuba abantu bebengena emzini wobubi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amahashe akhe aya kuba maninzi kangangokuba aya kutsho likugubungele uthuli. Izingqi zamahashe emfazwe nengxolo yeenqwelo zokulwa iya kutsho zishukume iindonga zakho xa engena emasangweni akho ngokwamadoda engena esixekweni esindonga ziqhekekileyo.