Ezekiel 26:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ewe, ndiya kukwenza iliwa elitshileyo; woba yindawo yokwanekwa kweminata; akuyi kubuya wakiwe; ngokuba mna Yehova nditetile, itsho inkosi e nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndokwenza ube yingxondorha ebalelelwe lilanga; uya kuba yindawo yokwaneka iminatha. Akusayi kuba sakhiwa; ngokuba mna Yehova ndithethile; itsho iNkosi uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kukwenza intswahla yeliwa, ube yindawo yokwaneka iminatha; akuyi kuba sakhiwa, ngokuba mna Yehova ndithethile; itsho iNkosi uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiya kukwenza ufane nolwalwa olungenakuhluma nto, uze ube yindawo yeminatha yabalobi beentlanzi. Akusokuze uphinde uvuswe, kuba kaloku kuthethe mna Ndikhoyo iNkosi.”