Ezekiel 26:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ziya kwandula zonke inkosana zolwandle zihle eziteroneni zazo, zibeke nxamnye ingubo zazo zapezulu, nezivato zazo ezitungiweyo ngamabala ngamabala zizisuse; izitutumelo ziya kuzambata, pezu kwomhlaba ziya kuhlala pantsi, ziya kututumela amaxanyana onke, ziti nqa pezu kwako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ziya kuhla ezitroneni zabo bonke abazizikhulu zolwandle, bazisuse iingubo zabo zokwaleka, bazihlube iingubo zabo ezimfakamfele; bambathe ukugubha, bahlale phantsi emhlabeni, bagubhe ngamaphanyazo onke, bamangaliswe nguwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ziya kuhla zonke izikhulu zaselwandle ezitroneni zazo, zibeke emhlabeni iingubo zazo, zikhulule iingubo zazo ezilukiweyo; baya kwambatha ukungcangcazela; baya kuhlala phantsi bengcangcazela umzuzu ngamnye kwaye beme besoyika.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngelo xesha zonke iikumkani zamazwe onxweme lolwandle ziya kuhla ezihlalweni zazo, ziyithi xibilili iminweba yazo, zizikhulule neengubo zazo ezihonjisiweyo. Ziya kuhlala phantsi zizel' ululoyiko, zingcangcazela ngalo lonke ixesha ngenxa yomothuko wento eziyibona kuwe.