Ezekiel 26:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kaloku iziqiti ziya kututumela ngomhla wokuwa kwako; ewe, iziqiti ezipakati kwolwandle ziya kutuswa ngokupela kwako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoku ziyagubha iziqithi ngomhla wokuwa kwakho, zikhwankqiswe iziqithi eziselwandle ngenxa yokuphela kwakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ziyanyikima iziqithi ngomhla wokuwa kwakho; ewe, iziqithi eziselwandle ziya kushukuma xa uhamba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abemi baselunxwemeni bayangcangcazela ngalo mhla wokuwa kwakho; abaseziqithini bayagubha ngenxa yokuwa kwakho.’ ”