Ezekiel 26:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba isitsho inkosi e nguyehova ukuti: Nxa ndiya kukwenza isixeko esicitakeleyo, njengezixeko ezingamiwayo; nxa ndiya kunyusa pezu kwako inzulu, ati amanzi amaninzi akugubungele;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekukwenzeni kwam ube ngumzi olinxuwa, njengemizi engasamiweyo; ekuwanyuseni kwam phezu kwakho amanzi anzongonzongo, akugubungele amanzi amaninzi:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Ukuba ndiya kukwenza ube sisixeko esiphanzileyo, njengezixeko ezingenabantu; ekuwiseni kwam unogumbe phezu kwenu, namanzi amaninzi phezu kwenu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ithi iNkosi uNdikhoyo: “Ndiya kukutshabalalisa ube linxuwa, kungabi sabakho bani uhlala kuwe; ndiya kukuntywilisela enzonzobileni yamanzi olwandle;