Ezekiel 26:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nxa ndiya kukuhlisa ndawonye nabo bahlela esihogweni, ukuya ebantwini bakudala, ndikuhlalise emazantsi omhlaba, ezindaweni ezicitakeleyo zakudala, ndawonye nabo bahlela esihogweni, ukuze ungamiwa; na nxa ndiya kumisa ubungcwalisa elizweni labahleliyo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndiya kukuhlisela kwabahle baya emhadini, ndikuse ebantwini basendaleni, ndikuhlalise ezweni langaphantsi, emanxuweni asendaleni nabahle baya emhadini, ukuze ungamiwa;ndenze ubukhazikhazi ezweni labahleliyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuba ndithe ndakuhlisa nabahle baya emhadini, kwanabantu bamandulo, ndakuhlisela emihadini yehlabathi, ezindaweni ezingezizo zamandulo, nabehla baya emhadini emhadini, ukuba ungabi nabemi; kwaye ndiya kugcoba kwihlabathi labaphilayo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ndiya kukutshonisa emhadini, ndikuhlalise ekhayeni lamanyange. Ndiya kukwenza uhlale emathunjini omhlaba, nawe Tire ufane namanxuwa ezixeko zamandulo. Kwanjengazo awusoze ubuye uluxhamle udumo kumhlaba wabaphilayo.