Ezekiel 26:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ndiya kukwenzela izituso, ude ungabiko: nakuba ufunwayo, akusayi kufunyanwa noko kude kube ngunapakade, itsho inkosi e nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndokwenza ube sisikhwankqiso, ungabikho; bakufune, bangabi sakufumana naphakade; itsho iNkosi uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kwenza into eyoyikekayo kuwe, ungabi sabakho; nokuba uthe wafunwa, awusayi kufunyanwa, itsho iNkosi enguMongami uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Isiphelo sakho siya koyikeka, kuba uya kubhujiswa kuphele. Uya kufunwa, kodwa ungaze ufunyanwe, itsho iNkosi uNdikhoyo.”