Ezekiel 26:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba isitsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndiya kuzisa pezu kwe‐Tire u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, evela enode, ukumkani wokumkani, kunye namahashe, nakunye nenqwelo, nakunye nabakweli bamahashe, nemihlambi, nabantu abaninzi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, iTire ndiya kuyizisela uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, evela entla, ukumkani wookumkani, enamahashe neenqwelo zokulwa, nabakhweli, nesikhungu sabantu, nabantu abaninzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, iTire ndiyizisa uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, evela entla, ukumkani wookumkani, enamahashe, neenqwelo zokulwa, nabamahashe, namaqela abantu, nabantu abaninzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku iNgangalala uNdikhoyo ithi: “ITire ndiya kuyithumela ngoNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli – ewe, ikumkani yeekumkani. Uya kuvela ngasentla namahashe neenqwelo zakhe zemfazwe, nebubu lomkhosi olunamadoda akhwele emahashini.