Ezekiel 27:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
I‐Tareshishe ibingumtengisi wako ngenxa yobuninzi bendyebo zonke; ngesilivere, ngesincete, ngetine, nangelode, benza ukwanana nawe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ITarshishe yarhwebelana nawe ngenxa yobuninzi bobuncwane bonke, bakurholela isilivere, nesinyithi, nebhekile, nelothe, ngeempahla zakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
iTarshishe yaba ngumrhwebisana wakho ngenxa yobuninzi bobuncwane obuninzi; baberhweba ngesilivere, nangesinyithi, nangenkcenkce, nangelothe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“AbaseTashishe barhweba nawe ngenxa yentaphane yempahla, bakuphathele isiliva, isinyithi, itini, nelothe, ukuze bazuze impahla orhweba ngayo.