Ezekiel 27:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
I‐Damakusi ibiyindawo yokutengisa kwako, ngobuninzi bamasetyenzwa ako, ngenxa yobuninzi bendyebo zonke; ngeveyine yase‐Helibone, noboya obumhlope.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
IDamasko yarhwebelana nawe, ngenxa yobuninzi bezinto ozenzayo, ngenxa yobuninzi bobuncwane bonke, ngewayini yaseHelebhon nangoboya begusha obuqaqambileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
iDamasko yarhwebelana nawe, ngenxa yemisebenzi yakho emininzi, ngenxa yentabalala yabo bonke ubutyebi; kwiwayini yaseHelbone kunye noboya obumhlophe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngenxa yentaphane yemveliso yakho nobutyebi bakho abaseDamasko bathengise ngewayini yaseHelbon noboya baseZaware.