Ezekiel 27:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abatengi base‐Sheba ne‐Rahama, bona bebengabatengi bako; ngezimnandi zonke ezidumileyo, nanga, matye onke anqabileyo, negolide, benza ukwanana nawe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abarhwebi bakwaShebha nabakwaRama baye bengabarhwebeli bakho, bakurholela ubulawu bonke obuyintloko, namatye onke anqabileyo, negolide, ngeempahla zakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abarhwebi bakwaShebha nabakwaRama babengabarhwebeli bakho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Uthengiselene nabarhwebi baseShebha nabaseRama. Ukuze bafumane impahla yakho bathengise ngezona-zona zinongo, nawona-wona matye anqabileyo, nangegolide.