Ezekiel 28:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngobuninzi bentengo yako bazalisile umpakati wako ngobudlwengu, wawonile; ngako ndiya kukulahla njengento enco̔lileyo entabeni katixo; ndandiya kukububisa, wena kerubime egubungelayo! kwa pakati kwamatye omlilo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngobuninzi borhwebo lwakho umbilini wakho wazala kukugonyamela, wona ke. Ndiya kulahla wena, ngokwento engcolileyo, umke entabeni kaThixo; ndikutshabalalise, kerubhi igqubuthelayo, usuke phakathi kwamatye anomlilo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngobuninzi bomsebenzi wakho uzele kukugonyamela, wona ke; ngako oko, ndiya kuniphosa entabeni kaThixo, nina bangendawo; Ndiya kukutshabalalisa, wena kerubhi eliyinqaba, phakathi kwamatye anomlilo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Urhwebo lwakho olugqibe lonke ilizwe lwakwenza waba sisikrelemnqa wada wona. Ke mna ndakugxotha entabeni kaThixo, waza wahlazeka. Ewe, ndakugxotha, wena sithunywa esimaphiko, wemka kuloo matye abomvu ngumlilo.