Ezekiel 28:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Intliziyo yako ubupakamile ngobuhle bako; wonakalisile ubulumko bako ngenxa yenkazimlo yako: ndokukahlela emhlabeni, ndokubeka ebusweni bokumkani, ukuba bakubonele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Intliziyo yakho iphakamile ngenxa yobuhle bakho, ubonakalisile ubulumko bakho kunye nokubengezela kwakho.Ndikukhahlela emhlabeni ndikwenze ube ngumbonelo phambi kokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Intliziyo yakho iphakamile ngenxa yobuhle bakho, wabuchitha ubulumko bakho kunye nozuko lwakho; Ndiya kukuwisa, ndikubeke phambi kookumkani, ukuze bakubone.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wasuka wangenwa likratshi ngenxa yobuhle; bade bonakala nobulumko bakho, ngenxa yokuziqhayisa ngobunzwakazi. Ndaza ke mna ndakubhuqa-bhuqa emhlabeni, ndakwenza intlekisa yeekumkani.