Ezekiel 28:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ndiya kutuma kuyo isifo esibubisayo, negazi ezitarateni zayo; kanjalo inxweleṙa ziya kuwa pakati kwayo, ngeṙele elingakuyo ngamacala onke; babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kuthumela kuyo indyikitya yokufa negazi ezitratweni zayo; bawe abangxwelerhiweyo phakathi kwayo likrele, eliyifikelayo ngeenxa zonke; bazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kuthumela kuwo indyikitya yokufa negazi ezitratweni zawo; yaye abo bawonileyo baya kugwetywa phambi kwakhe ngekrele elikuwo macala onke; zazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiya kuyithumela ngobhubhani, nditsho izitalato zayo zibaleke igazi; iya kuzala zizidumbu zabafe ngekrele, ikrele eliya kuvela macalana onke. Baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.