Ezekiel 28:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kungayi kubuya kubeko kwindlu ka‐Sirayeli ameva aṙauzelisayo, namakakakaka anika ubuhlungu, kubo bonke ababangqongayo, abo ababacekisayo; babeya kukwazi okokuba mna ndi yinkosi e nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akuyi kuba sabakho meva anobuhlungu, naluviko lwenza buhlungu, kwindlu kaSirayeli, luphuma kubo bonke abangeenxa zonke kuyo, abayicukuleyo; bazi ke ukuba ndinguYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akuyi kuba sabakho luviko libukhali kwindlu kaSirayeli, naluviko lubuhlungu kubo bonke ababavelelayo, ababacekisayo; bazi ukuba ndiyiNkosi uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Abantu bakwaSirayeli baya kuyeka ukuba nabamelwane abahlekisayo ngabo, abahlaba njengohlololwane neengcangula zameva. Baya kwazi ukuba mna ndiyiNkosi uNdikhoyo.