Ezekiel 28:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Nxa ndibutileyo indlu ka‐Sirayeli ezizweni abatiwe sa pakati kwazo, na nxa ndiya kungcwaliswa kubo emehlweni abaheyideni, baya kwandula bahlale emhlabeni wabo, endawunikayo kwisicaka sam, ku‐Yakobi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekuyibutheni kwam indlu kaSirayeli, ezizweni abaphangalaliswe kuzo, ndiya kuzingcwalisela kubo emehlweni eentlanga, bahlale emhlabeni wabo, endawunika umkhonzi wam uYakobi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekubahlanganiseni kwam abantu bendlu kaSirayeli ezintlangeni abaphangalaliswe kuzo, ndoba nemihlali, ndibabone emehlweni eentlanga, bahlale ezweni labo endibanike lona kumkhonzi wam. uYakobi unayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Xa ndibabutha abantu bakwaSirayeli kwezo zizwe babebhacele kuzo, ndiya kuzityhila kubo phambi kwezizwe, bandazi ukuba ndinguThixo oyedwa. Baya kuhlala ezweni labo endandilinike isicaka sam uYakobi.