Ezekiel 28:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Babeya kuhlala kuwo ngokunqaba, bake izindlu, batyale imiyezo; ewe, baya kuhlala ngokunqaba, nxa ndiyenzile imigwebo pezu kwabo bonke ababacekisayo, ababangqongayo; babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, utixo wabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya kuhlala kuwo bekholosile, bakhe izindlu, batyale izidiliya, bahlale bekholosile ekwenzeni kwam izigwebo kubo bonke ababacukulayo, abangeenxa zonke kubo; bazi ukuba ndinguYehova uThixo wabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baya kuhlala kulo bekholosile, bakhe izindlu, batyale nezidiliya; ewe, baya kuphila bengafihlisi, ekwenzeni kwam izigwebo kubo bonke ababacekisayo ababathabathayo; bazi ukuba ndinguYehova uThixo wabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baya kuhlala apho bekhuselekile, baze bakhe izindlu, batyale nezidiliya. Baya kuba bekhuselekile xa mna ndisohlwaya abamelwane babo ababehlekisa ngabo. Baya kwazi ukuba ndinguNdikhoyo uThixo wabo.”