Ezekiel 29:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kulenza ilizwe le‐Jipete libe yingcitakalo pakati kwamazwe acitakeleyo, nezixeko zayo, pakati kwezixeko ezenzwe bunxuwa, zoba yingcitakalo iminyaka engamashumi mane: nama‐Jipete ndiya kuwati sa pakati kwentlanga, ndiwacite pakati kwamazwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kulenza kube senkangala ilizwe laseYiputa phakathi kwamazwe abharhileyo, ibe ngamanxuwa imizi yalo phakathi kwemizi engamanxuwa, iminyaka engamashumi amane;ndiwaphangalalisele amaYiputa ezintlangeni, ndiwachithachithe emazweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kulenza kube senkangala ilizwe laseYiputa phakathi kwamazwe abharhileyo, nemizi yalo phakathi kwemizi engamanxuwa ibe ngamanxuwa iminyaka emashumi mane; ndiwachithachithe amaYiputa ezintlangeni, ndiwachithachithe emazweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ilizwe laseJiputa ndiya kulenza libe bubugxwayiba phakathi kwamazwe abubugxwayiba, nezixeko zalo ziya kuba ngamanxuwa njengezinye iminyaka engamashumi amane. Wona amaJiputa ndiza kuwenza abhacele ezizweni, agqibe onke amazwe.